Inkawu idliw'ilila NOVEL GRADE 12's

Inkawu idliw'ilila NOVEL GRADE 12's

Share

Incwadi ingwaphulo mthetho aoho uThantaswa kunye noMfuneko bequlungqa ukubulala umsindisi ngenxa yemali zakhe

26/08/2025

Molweni ndibuyile ke bethuna nzaposter ke xa ndine likes eziyi 60 kule post .Make sure you like,share and comment.

30/05/2021

4 UDIDI LWENOVELI
Kubalulekile ukulwazi udidi lwenoveli oyifundayo. Ukwazi udidi lwenoveli kukwazi iimpawu. Le
noveli yinoveli engolwaphulo mthetho.
3.4.5 ISIQALO SENCWADI
Umbhali ubonakalise ubuchule kwisiqalo sencwadi yakhe ngokuthi ayiqale ngokufa
kukaMsindisi ukutsala umdla wabafundi. Le ndlela yesiqalo imbambela kufutshane umfundi
nencwadi kuba efuna ukwazi ukuba ufela ntoni uMsindisi? UThantaswa utsalela umnxeba
uMfuneko esithi abafana bawenze ngempumelelo umsebenzi ebebebathume wona
makasebenze ke uMfuneko njengepolisa. Oku kunika umdla kakhulu kubafundi bangene
encwadini benemibuzo abarhalela ukuba ikhawuleze incwadi iyiphendule. Olo lwazi
lwakufumaneka ngokufunda umfimfithe incwadi.

30/05/2021

3.4.3 ISINXIBO SOMLINGANISWA
Isinxibo somlinganiswa sithetha lukhulu ngomlinganiswa nendima eza kudlalwa
ngumlinganiswa. Isinxibo siveza isimo sentlalo ukanti sikwamtyhila ubunjani bakhe
umlinganiswa.

29/05/2021

Niseriite???

28/05/2021

3.4 INTSINGISELO YESIHLOKO NOQWEQWE LWALE NOVELI
Sisaci esi esisukela kubazingeli abaphuma ingqina beyokuzingela ngeenjongo zokuzuza
iinyamakazi ukuze bafumane inyama. UKula ukhetha ukusebenzisa inkawu isilwanyana
esisondeleyo ebantwini ngezimbo ukutyhila ubuthumbu bencwadi yakhe. Njengokuba
bezingela nje abazingeli kuvuka inkawu izinja ziyileqe. Icebo lenkawu ke kukukhwela emthini
ukuzisindisa, izinja azikwazi kukhwela mthini zona zilinda phantsi zijonge phezulu kwixhoba lazo. Basuke bade bafike abazingeli bazokuba necebo bona bokuyothula emthini inkawu. Ithi
ke inkawu le izililise ngeenjongo zokucela ukusindiswa noxolelo, ukuba ingumdlezana ilile
ibambe ibele ukubonisa ukuba iyancancisa. Konke oku kwenziwa yinkawu ifuna ukusizelwa
ngabantu ukuze ikhululwe kodwa umntu injongo yakhe ngokuzingela kukufuna inyama,
ugqitha kuzo zonke ezo nzame zenziwa yinkawu afezekise iinjongo zakhe engakhathalele
nokuba iyancancisa na nokulila oko kwayo. Oku nje ngamafutshane kubonisa ukungabikho
kosizi xa umntu eneenjongo zenzuzo akakhathalele omnye umntu koko ujonge isiqu sakhe.
Ngesihloko nje esi umbhali sele esikrobisa ukuba akuzukubakho lusizi kule ncwadi
ngeenjongo zenzuzo. Inzuzo leyo enokuzanywa ngokususa imiqobo esendleleni. Ukuba
umntu lo ujonge inzuzo kufuneka ebulele ukuze azuze uza kubulala. Abanye abantu
banokuphelelwa yimisebebenzi, banokubulala ngeenjongo zenzuzo bengaboni ukuba
imizamo yabo ingaboyelisela emhadini. Isiphelo ke solwaphulo mthetho kukubanjwa.

28/05/2021

Yintoni inoveli?
UJafta noMbhadi (1978:35) bayichaza nglo hlobo:
…[l]ibali eligqibeleleyo, esithi okukhona sifunda sisiya phambili kube kukhona
sifumana izinto ezintsha ezitsala ingqondo zethu. Eli bali liqhutyelwa phambili
ngabalinganiswa. Aba balinganiswa benza ibali libe nomdla ngakumbi kuba ngabantu
abangafaniyo ngezimo zabo.
3.2 IINDIDI ZEENOVELI
Inoveli ziziindidi ngeendidi ezizezi:
3.2.1 Ezingothando:
• Zibonakala ngokuba kubekho umntu onothando olungazenzisiyo ngakomnye umntu.
• Omnye akaqiniseki ukuba uthandwa ngohlobo athandwa ngalo angalubuyisi uthando
olo.
• Iba lolo kruthakruthwano omnye efuna olwakhe uthando.
• Imiqobo iyasuswa uthando luphindele kumninilo.
3.2.2 Ezingesishiqi sentlalo:
• Umzali okanye umntu ohloniphekileyo entlalweni wenza izinto ngondlela ndala
ongasamkelekanga okanye ngendlela engamkelekanga.
• Abanye okanye omnye akaneliseki yindlela ezenzeka ngayo izinto.
• Kubakho impixano phakathi kwesi sibini okanye amaqela amabini.
• Omnye kufuneka ade azibone ukuba ayikho le ndlela acinga ngayo alungise ke
3.2.3 Ezingophando
• Kukho isenzo sobugewu ekufuneka sisonjululwe.
• Imigewu isenokuba yiyo yodwa kweli bali ibe ngulowo efuna ukuveza omnye.
• Ezixhaphakileyo amapolisa /abacuphi basukuzana nemigewu.

Want your school to be the top-listed School/college in Table View?

Click here to claim your Sponsored Listing.

Location

Category

Telephone

Website

Address


F223
Table View