19/02/2024
• Isimo sentlalo sizoba indawo nexesha eliqhubeka ngalo ibali.
• Indawo iyazotywa icace gca. Ngamanye amaxesha icaciswa ngumbhali ngomlomo wakhe
ukanti ngamanye amaxesha usebenzisa abalinganiswa.
• Izinto abazenzayo ndawonye nezinxibo ziduliswa ngabalinganiswa.
• Siphefumla umoya othile apha ebalini ngenxa yokuba ibali lisenzeka kwindawo ethile,
enabantu abathile abanamasiko athile.
Qaphela oku malunga nesimo sentlalo
Isimo sentlalo yindawo apho ibali lenzeka khona, ixesha elenzeka neemeko abaphila phantsi kwazo
abalinganiswa. Sidula ngezinto ezenziwa ngabalinganiswa, izinxibo, inkolo yabalinganiswa ulwimi
abalusebenzisayo, izinto abazixabisileyo, njalo njalo.
• Ixesha njengesolotya lesimo sentlalo:
o Ixesha lityhilwa zizinto ezenzekayo, eziqhubekayo nezisetyenziswayo
ngabalinganiswa kwintlalo yabo. Izinto ezisetyenziswa ngabalinganiswa kulo mdlalo
ziyangqina ukuba uqhubeka kweli xesha lokhanyo, sekungene umfutho
waseNtshona.
o Ixesha kweli libali leli xesha lokhanyo: Imizekelo yobungqina obudiza oku
ngokwasebalini:
o Imfundo sele ingenile kumzi kaNtu: Kukho abantu abaNtsundu abakwizikhundla
eziphezulu. Kukho amagosa angabantu abaNtsundu abaphangela
eburhulumenteni, njengoMaqhikizane. USiqhiwu noSiphokazi bafunde baphumelela
ibanga leshumi.
o Abantu abaNtsundu bakwizikhundla eziphezulu: UMaqhikizane ungumqeshi kwiofisi
yakwarhulumente. Kheneli Sibane noSajini Ntamo ngabaNtsundu abakwizikhundla
eziphezulu emapoliseni.
o Kuhanjwa ngezithuthi eziziimoto neebhasi: UMamQhinebe noMaGatyeni bathwalisa
abantu imithwalo erenkini. Sibava belinde ixesha lokuphuma kwebhasi xa
beseMthatha bebe usana.