08/11/2023
Kusuke kwasika inimba xa sibona iindonga ze Jerusalem zidilikile saza sazeka mzekweni sikhangela umonakalo ukuba uphi na. Kuthe kanti kuqhawuke imbeleko ethe yasishiya lonto sinabantwana abalahlekelwa yindlela yokuziphatha. Yizani masakheni sonke isizwe sethu esimnyama. Masithandazeni singayeki itsho incwadi yama 1Thessaloniki 5:16-17 abantwana basisipho esivela ku Thixo kufanekile sibagcine ngobunono nabantwana kufuneka babeke abazali babo ukuze imihla yabo yolulwe emhlabeni Exodus 20:12 le ndibano yeyabazali kunye nabantwana babo. Ungena mahala kodwa kufuneka uze nomntwana ukuze ukwazi ukungena phaya emnyango. Kunxitywa impahla emhlophe ngumntu wonke ozakuzimasa lomsitho. Kuzakuthandazelwa abantwana, batye umthendeleko. Umzali uzakunikwa annointing oil athambise umntwana wakhe emthandazela ngelilixa emthambisayo umntwana wakhe. Uyakwazi ke xa ungenaye umntwana uze nalowa wasebumelwaneni ibenguwe owenza umahluko kwindawo ohlala kuyo. Sicela xa usiza uzuphathe umnikelo wayo nayiphina into etyiwayo efana ne meal meal, flour, maize meal, veggies etc. akuvumelekanga ukuba unikele ngemali, kodwa ungathenga izinto ezixabisa imali leyo ubunqwebela ukunikela ngayo. Kuzakubakho ke nexesha lokunikana izipho omnye komnye ukwenza ukuba abantu bathandane babukane bafumane nexesha lokwazana. Umntwana wakho umzalele isixeko sonke nathi sikholo kanye lonto. Lo ngumsitho obiza bonke abantu awukhethanga mntu. Zonke izizwe mazimanyane, sibebanye sibonisaneni iimpazamo zethu ngothando. Wababiza uNoah abantu wabakhela inqanawa wabaxelela ukuba imvula iyeza kanti kuzakuvalwa. Masilisabele eli ikhwelo, uThixo uthi, "ndinibonile nibulaleka kwaye ndisivile nesikhalo senu, ndizile ndizokunihlangula" Exodus 3:7-10
Date: 10 November 2023
Time: 17:00
Venue: Centenary Hall New Brighton
Theme: White
See poster for more
details.
Please save the date.
NB: this coming Friday, 2 days left
27/10/2021
16/10/2021
16/10/2021
13/12/2020
16/11/2020