IsiXhosa language heritage platform

IsiXhosa language heritage platform This is a discussion and debate platform for isiXhosa languge writers and speakers and readers

An isiXhosa literary and language platform created to educate through researched information and a learning platform for those passionate about the language

Nantso
14/09/2022

Nantso

More Indigenous language jobs ‼️‼️‼️‼️

Kaaps | Xhosa | Sotho| Zulu

07/09/2022

On the 21 October we host

Masizakhe ngoncwadi nolwimi lwesiXhosa

At the Mendi Art Centre,Mendi Road, New Brighton

9am-12noon

09/07/2022

Asiyondawo yokubhanxekela le, funda igama uqonde

18/06/2022

Ayikho into ekuthiwa yingxpwa yamatapile into ekhoyo yingxowa yeetapile

Itapile- iitapile

13/06/2022

Xa kukho into ofuna ukuyicacisa okanye ukuyiqonda ndicela uyifake njenge post okanye ukuba ifuna iInbox bulisa nje ube aewungena emxholweni asinalo Ixesha lika molo unjani, Nam ndiphilile blah blah blah, Yi page le ayo private or personal fb account.

Masincedane kwelocala zihlobo okanye sithule xa singenanto isileqayo, yiyekeni inbox

08/06/2022

UKUTYELA iindaba sisiXhosa
UKUTSHELA iindaba sisiZulu

12/05/2022

Ukuthetha akufani nokubhala

Amanye amagama/ isigama apha esiXhoseni asiwabhali ngoluhlobo siwabiza ngalo kwintetho yemihla ngemihla.

Kumaxesha amaninzi abantu bayaphazama baphike ukuba igama elithile libhalwa ngendlela ethile le bakhule belibiza ngayo eligama, into eyakunceda umntu ngamnye kukufunda iincwadi zesiXhosa, isichazi- magama sesiXhosa ukuze aqiniseke ngendlela igama elo libhalwa ngayo

Ncwaba

Eligama libhalwa oluhlobo kodwa xa uthetha livakala ngathi ngu Ngcwaba

Isigwamba

Abanye bathi isigwampa kanti akunjalo

Imbokodo

Imbokod' okusila, wathint' imbokodo

Nangona yada yavumeleka ukuthi imbokotho kodwa elona Gama lilungileyo kubhalo leli; imbokodo

11/05/2022

Molweni bathandi bolwimi lwesiXhosa💗💕

Kukho ababhali abathi eliqhalo lithi INYATHI IBUZWA KWABAPHABILI lakhiwa ngendlela engeyiyo, ngoko ke alifanelekanga ukuba lisetyenziswe

Bakwathi nesi saci sithi OKWEKAT' EMHLOPH' EHLUNGWINI naso asinamkhondo, bathi bubuxoki ukuba ikati ingafunyanwa EHLUNGWINI

Ingaba uyavumelana nalembono, luthini olwakho uluvo?

27/04/2022

Kanti ke asiyo MBOKOTHO yi MBOKODO

Camagwini maXhos' amahle
21/01/2022

Camagwini maXhos' amahle

“Ukunyanga ukonakaliswa kolwimi lwethu akuzi kuthatha ithuba elifutshane, kuba ngumonakalo weminyaka engamakhulu amathathu nangaphezulu, okokoko kwafika iintlanga ezathi zasongamela zasohlutha inkcubeko yethu nolwimi lwethu, zasenza sazidela, sazeya, asalibona ixabiso lobuntu bethu” Dr V Mona, Director; Language Centre, Fort Hare University

Address

3 Moratele Street
Port Elizabeth
6201

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when IsiXhosa language heritage platform posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Shortcuts

Share

Category