Iinyembezi ngumjelo osuka kumthombo weentlungu, akukhathaliseki ukuba zinkcenkceza ebusweni bukabani.
IsiXhosa simnandi
IsiXhosa simnandi offers after hours Xhosa lessons to nonXhosa speakers wanting to learn or improve their Xhosa both for conversationally and academically.
11/06/2019
Ukukhula usithi mama, tata kusisipho esikhulu nakuye namphi umntwana. Kodwa ngeshwa abanye ootata bayalifulathela uxanduva lokudlala indima yabo kubantwana babo, bathi ke bashiye isikhewu esikhulu emphefumlweni womntwana ingakumbi koyindodana. Masithetheni ngalengxaki! Ndenza uphando ngayo ukuze senzeni iinzame zokuzama ukuba ootata bangomso bangaphindi ezi mpazamo.
"Umntu yinkosi ukuzazi"
Akululanga kodwa ukuzazi kuba sithanda ukuhendeka ngokuthi senze izinto ezanelisa abanye abantu. Kanti ke ebomini kubalulekile ukuthatha ithuba ube wedwa uzifune ukuze uzokuzazi ukuze ukwazi ukuphila ubomi ozikhethele bona: ubomi benyaniso obungasekelwanga ekuzameni ukwanelisa nokuphilela abanye abantu.
28/12/2018
Ndiyabhotisa kuni nina abazingca nabazigobha amacala ngesiXhosa,
Akusentsuku zatywala u2018 abeyimbali. Xa sisiya ekumfulatheleni, ndithanda ukunikhumbuza ukuba ebomini ukuze sikhule simele ukufulathela izinto ezithile:maxa wambi zizinto ezithile, indlela yethu yokucinga, okanye abantu abathile abangasamelanga kuqhubeka nathi endleleni yotshintsho eya empumelelweni. Akwaba beninokuba neliso kwanesibindi sokwazi ukufulathela izinto ezingasenanzuzo nokuba zimnandi kangakanani.
UNomaKhawuta, eyasemaMpandleni intombi ininqwenelela okuhle nempumelelo
Bhotani maXhosa amahle nabathandi besiXhosa,
Uthi umyalezo wam namhlanje, ungaze uhlale ungayenzi into ebalulekileyo noyifunayo kuba usithi awunaxesha. Ixesha lihleli lizakugqitha kakade. Thina maXhosa ke, sithi amangomso asa esihogweni. Ixesha lakho leli! Esingakwazanga ukuzenza kulonyaka, masingaphoswa nangu2019!
09/09/2018
Impelaveki yakho yenyanga yamagugu mayingafani nezinye iimpela veki. Yiza uzokonwaba nathi - funda lukhulu koogxa bakho abazingcayo ngeAfrika. Yonwabela ukutya kwesiNtu, ubumenye-menye bethu, iibhiya newayini eziyimveliso yeli. Juxuza kanobom kwaye uchukumiseke emphefumlweni yimibongo.
Molweni bahlobo bam abazigobha amacala ngolwimi lwesiXhosa,
Namhlanje ndithi mandabelane nani ngezimvo zam malunga nendlala. Kumaxa amaninzi indlala ayibangelwa kukunqongophala kwezixhobo koko ibangelwa luloyiko nentswela kuzithemba. Ngako oko ke siyesikhethe ukuhlala endlaleni kunokujijisana noloyiko nentswela kuzithemba. Ngaphandle kokuzithemba nokuba izixhobo sezikhona umntu akanakuzibona kuba amehlo amfanywe yindlala nakuzoyikisela.
Mthandi wesiXhosa ndithi zithembe kwaye vuk'uzenzele ukuze amathuba akufumane ungamanga koko uthe chu ncembe ukuya empumelelweni!
Molweni bahlobo bam abasenyongweni!
Ihashe elisemxukuxelweni okanye ekugqibeleni emdyarhweni liyakwazi ukuwuphumelela umdyarho ngokuzixelela ukuba lifanelwe yimpulelo. Loo nto ke ithetha ukuba nokuba uphuma kwikhaya eli ngento okanye elingathathelwe nto ungakwazi ukutshintsha isimo ubeke ikhaya lakho emanqwanqweni ze nalo libengungqa phambili kumdyarho wempumelelo. Ngubani othenge intlupheko? Leliphi ikhaya elidalelwe intlupheko?
Abanye bonakele enyameni nasemphemfulweni ngenxa yomona. Umona sisigulo esiyingozi umntu singambulala afe fi!
Molweni bathandi besiXhosa esimnandi!
13/09/2017
Happy heritage month
Click here to claim your Sponsored Listing.
Location
Category
Contact the school
Telephone
Website
Address
No 16 Ivy Street
Observatory
7925