Lizwe Siyoyo SSS

Lizwe Siyoyo SSS Lizwe Siyoyo SSS is formerly known as Tolweni SSS situated in Tholeni Location in Macwerheni Area📚🕯

30/12/2025

This is Lizwe Siyoyo SS Account No 281790108 Standard Bank.

03/12/2025

📢📢📢 ISAZISO ESINGXAMISEKILEYO

Mzali obekekileyo sifumana umyalezo ongxamisekileyo osuka eHead Office oxela ukuba ngomso kucelwa wonke umzali onomntwana olapha eskolweni okwezilali zingqongileyo ngaphandle kweTolweni,lowo okufaneleyo(qualify) okanye onqwenela umntwana wakhe athathwe yinqwelo yesikolo (Scholar Transport) ukusukela kunyaka ka2026,uyacelwa ngomso (04/12/2025) aze kuthatha iForm yesicelo.

Le form ihanjiswa ePolice Station baze abo bakwaNtsasana bayigcwalise kwindawo edinga bona.Sicela Mzali ngokuzithoba uleqe ukuyibuyisa kwangoLwesihlanu(05/12/2025) isizathu soku sesokuba ngoMvulo(08/13/2025) kunyanzelekile ibuyele eOfisini njengoko iOfisi kufanele ivale sele inayo Le nkcaza(information)

Siyaxolisa ngolungxamiseko kodwa ukuba uthe wangakwazi ukuzoyithatha okanye ukuyibuyisa iForm Le ungazibhaqa umntwana wakho engekho kuluhlu lwabantwana abazothathwa yiNqwelo yesikolo.

Siyawenza ke nomnyunyuva wokuba uyizise ngoMvulo ekuseni kakhulu phambi kwentsimbi yesibhozo,8h00am (Le mini zihamba ngayo).

Enkosi
By Management

niwupapashe kangangoko🙏🙏ifikele nakooChibini,Manaleni,Samaria,Masomntwana,Mangqamzeni,Ngqongo,Buwa....kuzo zonke bethu iilali ezikude ezinabantwana abahamba ngeenyawo

🏮Uphathe iBirth Certificate okanye iID yomntwana please izoAttach'wa kule form

30/11/2025

📢📢ISAZISO

Mholweni Bazali nabafundi, oku kukunazisa ukuba ngoMhla we 8 nange 9 sakube sidlulisa iiReports yaye nezicelo nolwamkelo (Application and Admissions) zika2026 sizenza ngezintsuku.

Sicela ukwazisa ukuba uGrade 11 kunye noGrade 12 abatsha asibathathi bona.

Enkosi
By Management

Please Share

22/07/2025

Good morning 🌅

Welcome to your official Third term reopening ❤️

19/04/2025

Happy Easter Weekend 🎉🏳️

ANNOUNCEMENT📢📢📢

Certificates of past years (2023 and back) will be returned to Qumbu on 23/04/2025.All learners or parents should collect them from school on 22/04/2025.Thank you.

Mandibulise kwakhona ...bethuna kuluvuyo olukhulu ukubona lo mhla usekiweyo uphumelela. Sisazicela iiDonations kwabo ban...
01/04/2025

Mandibulise kwakhona ...bethuna kuluvuyo olukhulu ukubona lo mhla usekiweyo uphumelela. Sisazicela iiDonations kwabo bantu bathi bacela iAccount No. yezo Donations xa uzonikela ngemali sisebenzisa iAccount elandelayo:

Bank Name: Standard Bank
Account No.: 281790108
Reference: Your Name and Surname

Xa unegusha🤗 okanye inkomo🐂🐄 okanye loo nto oyiqondayo uba ngumnikelo ophathekayo(physical) please contact the school on 0737223361, The School's Principal. Ungonqeni ke nokuyozifikela esikolweni

🌸
🥳🥳🥳
💐💐

📢📢📢Niyamenywa nonke ukuba nize kumnyhadala wokuthanda uMem Mvumvu "Sharps" wethu♥️🎉owayesakuba nguTitshalakazi wezempilo...
26/03/2025

📢📢📢Niyamenywa nonke ukuba nize kumnyhadala wokuthanda uMem Mvumvu "Sharps" wethu♥️🎉owayesakuba nguTitshalakazi wezempilo (Biology) nezolimo(Agricultural Science) ozinikeleyo ekutyhaleni izifundo kwesi sikolo sethu...

Sicela izandla bazali ingakumbi kwabo bafumana ukufundiswa nguSharps siyacela ukuze siwenze uphumelele umsebenzi wakhe njengoko sisazi ukuba iiFarewells zooTitshala aziFund'wa ,senze nje ngobubele nothando.Ungaqhagamshelana nesikolo Malunga nalo mba,iinkcukacha zezi zibhalwe ngezantsi.

Nixelele abazali benu bantwana,Kuba Lo nguTitshala wabo😊💖

Enkosi

21/01/2025

📢📢ISAZISO!!

Oku kukwazisa ukuba isikolo sethu simemelela kwabo banqwenela ukuphinda uGrade 12 ukuba bangeza ukuzofaka izicelo,bamnkelekile. Kuyavalwa ngomso umhla 22/01/2025.Amathuba alinganiselwe!!

Zonke iiGrades from Grd 8 to 11 nazo zisabathatha abantwana.Amathuba alinganiselwe!!

10/12/2024

Baqhube njani ooNono?♥️😊

🕯️🕯️RECAP!

04/12/2024

📢📢📢Mzali Obekekileyo

Oku kukwazisa ukuba nge 9 December 2024 sinoMhlangano(Meeting) yokuphela konyaka.Siyanicela ukuba nibekhona nonke.

Ndicela siqaphele apha, ngomhla we9 December silindele ukwenza oku kulandelayo.

•Kuthathwa iiReports zokuphela konyaka
•Samkela abafundi abazocela isikolo
•SineParents Meeting yokuphela konyaka ngo9:00am

Siyacela ke kubazali abamdlalayo uFeysibhuku baxelele nabo bangamdlaliyo😎

Bafundi please yazisani abazali benu ukuze zonke ezi zinto ziphumelele ngala mhla.

Share! Share! Share🗣️🗣️🗣️
Mayinweeenweee!!🗣️🗣️🗣️🗣️

Address

Tolweni Location EMacwerheni
Mount Frere

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Lizwe Siyoyo SSS posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Shortcuts

Share

Category