Thembalethu Senior Secondary School

Thembalethu Senior Secondary School Thembalethu Sss is a new school in Bhongweni Township in Kokstad.

31/08/2026

Bazali!!
Sicela niqaphele ezi zinto zilandelayo njengokuba kuqala iNtwasahlobo(Spring):

1.Bonke abafundi kumele banxibe iSummer uniform. Amantombazana anxibe skirts. Siyazi ukuba eKokstad akukabikho shushu ncam. Sizakubanyamezela kuphele uSeptember Xa kuvulwa ngo October abasayi kuvunyelwa bazinxibe ibhlukhwe
2.Abafundi balindeleke ukuba banxbe iities. Sizakube sibajongile egate(ini) kunye neetags ukusukela ngomhla ka 1 September 2026
3.Iintloko zichetywe oko besibayaleza inyanga yonke ka August ukuba 1 September babesele bechebile
4.Sasicelile iiR20 zokuhlangabezana nokuvulwa kwesikolo. Kusabhatele abafundi abayi 476 kubafundi abayi 1590. Bonke umfundi kulindeleke ukuba babhatale usuku lokugqibela ngumhla we 11 September 2026
5.Abafundi bakwa Grade 9 sicela babuyise iiforms zokukhetha izifundo zakwa Grade 10
6. Savumelana entlanganisweni yabazali ngokuyivala into.yokunxitywa kweeGrasshoppers esikolweni

Ozithobileyo
Nkosazana N.Magwaza (Inqununu)

28/08/2026

Bazali!!!
Sicela ukunikhumbuza ukuba ngomso uMgqibelo(29/08/2026) siyafunda lusuku olupheleleyo zonke iiGrades(Grade 8- Grade 12)njengokuba besenzile kwiveki ephelileyo

Ozithobileyo
Nkosazana N.Magwaza (Inqununu)

26/08/2026

Bazali!!
Sicela ukunazisa oku kulandelayo:
1.Abantwana bahambe kakuhle ebebeye eDurban kwi Coding and Robotics Tournament. Izikolo ebezikulomqhudelwano beziyi 61.Ngelishwa abavelanga kwiTop 3 kodwa sibulela ithuba lokungenela nokuthatha inxaxheba babone kuqhutywa njani.Bayakwenza ngcono kwixesha elizayo

2. Bayamenywa bonke abazali babantwana abenza uGrade 9 kwiCareer day nokukhetha izifundo zika Grade 10 ukulungiselela unyaka ozayo. Abantwana bawunikiwe umyalezo izolo banikwa neeleta namhlanje.
Umhla: 27 August 2026
Ixesha: 09h00
Indawo: Thembalethu SSS

3. Abafundi bakwaGrade 12 bayaqala ngomso 27/08/2026 ukubhala iimviwo ezilungiselela ezokuphela konyaka (trial exams).

Ozithobileyo
Nkosazana N.Magwaza (Inqununu)

Bazali!!Sicela ukubulela ukusikhuthazela abantwana izolo ukuza esikolweni sibulele nabo ngokuyithatha serious imfundo ya...
23/08/2026

Bazali!!
Sicela ukubulela ukusikhuthazela abantwana izolo ukuza esikolweni sibulele nabo ngokuyithatha serious imfundo yabo. Sicela abazali baliqaphele izinga lokulova beliphezulu njengoko bekulindeleke baphumelele bonke

Attendance yabo ibime ngoluhlobo:
Grade 8: 346 out of 440(94 absent)
Grade 9:295 out 337 (42 absent)
Grade 10:254 out of 357 (103 absent)
Grade 11: 224 out of 283 (59 absent)
Grade 12: 27 out of 33. Other Grade 12 classes attended Maths Literacy at Mount Currie SSS

Kwakhona sicela ukukhumbuza ngentlanganiso yabazali nabantwana
abafunda uGrade 12 eqala ngo 2pm namhlanje

Bazali!!Sicela ukukhumbuza abazali babantwana abafunda uGrade 12 ngentlanganiso yabazali eyakubanjwa ngokuhlobo:Umhla: 2...
21/08/2026

Bazali!!
Sicela ukukhumbuza abazali babantwana abafunda uGrade 12 ngentlanganiso yabazali eyakubanjwa ngokuhlobo:

Umhla: 23 August 2026 (NgeCawe)
Ixesha: 2pm
Indawo: Thembalethu SSS

Intlanganiso izawube ixoxa ngalemiba:

1.Ukufika kade esikolweni (late coming)
2. Izifundo ezongezelelweyo (extra classes)
3. Term 2 analysis
4.Indlela yokuziphatha ( Behaviour & conduct)
Umzali uyacelwa eze nomntwana wakhe ofunda uGrade 12 entlanganisweni bonke abafundi baphelele nabazali babo

Ozithobileyo
Nkosazana N.Magwaza (Inqununu)

Checkout the full domain details of 1.uk. Click Buy Now to instantly start the transaction or Make an offer to the seller!

21/08/2026

Bazali!!
Oku kukunazisa nokunikhumbuza ukuba iintsuku ezimbini ezathi zasilahlekela ekufundiseni nasekufundeni ngenxa yeworkshop nemozulu embi sizakuzibuyisa ngoluhlobo lulandelayo:

Sizakusebenzisa leMigqibelo ilandelayo:
22/08/2026
29/08/2026. Grade 8 ukuyakuma kuGrade 12.Izakuba zimini ezipheleleyo njengesiqhelo. Isikolo singena ngo 7h40 siphume ngo 15h00 (3pm). Bonke abazali bayacelwa baqinisekise ukuba abantwana basesikolweni. Iileta bazakuzinikwa namhlanje.
Sicela nibalungisele iitransport zabo

Ozithobileyo
Nkosazana N.Magwaza (Inqununu)

19/08/2026

Bazali!!

Abantwana balibazisekile ukuphuma esikolweni ngenxa yokuhlaselwa ngabanye abafundi besinye isikolo. Ukuqinisekisa ukhuseleko lwabo kuye kwanyanzeleka ukuba singabavuleli igate de kufike amapolisa.

Siyaxolisa ngokubalibazisa kwiitransport zabo

Ozithobileyo
Nkosazana N.Magwaza (Inqununu)

16/08/2026

Bazali!!

Oku kukunazisa ukuba ngomso 17/08/2026 lusuku lwesikolo njengesiqhelo. Abantwana balindeleke ukuba babesesikolweni bonke.

Ozithobileyo
Miss N.Magwaza (Inqununu)

Bazali!!!Sicela ukunazisa oku kulandelayo:1.Coding & Robotics Tournament Abantwana bethu baqhube kakuhle baye baphuma kw...
15/08/2026

Bazali!!!

Sicela ukunazisa oku kulandelayo:

1.Coding & Robotics Tournament
Abantwana bethu baqhube kakuhle baye baphuma kwindawo yokuqala (no 1) bazawugqithela kwinqanaba leProvince.

2.Kay Motsepe National Netball Tournament
Abantwana bethu baqhube kakuhle kakhulu nangona bephume kwindawo yethoba ( No 9) kwizikolo ebeziyi 18.

USUKU LOKUQALA: badlale umdlalo omnye(1) babethwa
USUKU LWESIBINI: badlale imidlalo esixhenxe (7 games)bayiwina emithathu(3), badlala ngokulingana komnye ( 1 draw) babethwa kwemithathu(3)
USUKU LWESITHATHU: badlale emithathu (3) bawina emibini (2) babethwa komnye(1)

Siyabulela kakhulu kubazali, SGB, ootitshala, local coaches ( Lwazi, Darly, Ponti, Choir) nabantwana ngokuzimisela nokuhleli beliphakamisa igama lesikolo

Ozithobileyo
Miss N.Magwaza ( Inqununu)

15/08/2026

Bazali!!!
Kunabantwana abahlanu(5) abaya eKokstad Junior School kumqhudelwano weCoding &Robotics (itournament).Bayoqhudelana nezinye izikolo ngokusebenzisa ubuchwepheshe nokucinga ngokwengqondo ekhawulezayo bazofunda ngokwakha nokuprogrammer abarobothi nemeshini zenze umsebenzi ngokwazo. Bazakulandwa ngootitshala ezindaweni abakhwelela kuzo baphinde bababuyise.

Ozithobileyo
Nkosazana N.Magwaza (Inqununu)

Address

Kokstad

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Thembalethu Senior Secondary School posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The School

Send a message to Thembalethu Senior Secondary School:

Shortcuts

Share

Category