06/09/2023
ningaphoswa grade 12
20h30
ISICWANGCISO SESIFUNDO SESIFUNDO SIKANOMATHOTHOLO
KUMHLOBO WENENE FM
ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA
IPHEPHA LESI-2 (UNCWADI)
Umcwangcisi : Pakade G.
Umhla : 06 eyoMsintsi 2023
Ixesha : 20:30
INCWADI : BUZANI KUBAWO : TAMSANQA W.K
Udidi lomdlalo
- Yintlekele
Ubuntlekele abungokuba kufiwa kuphela, kodwa kukuqwalasela ukuba le nyhikitya yokufa ingaba yenzeke njani, ingaba bekufanelekile na yenzikile ngokwemeko leyo.
IIMPAWU ZOMDLALO OYINTLEKELE Ngumdlalo onesiphelo esibuhlungu apho kuthi kubekho abantu abafayo. Kuthi kubekho umdlali oyinjinga yentlekele, ongunobangela wentlekele eqhubekayo encwadini. Lo mlinganiswa udla ngokuba newonga elithile ngokokuzalwa okanye ngokwasekuhlaleni okanye ebomini. Ngumlinganiswa lo othi abe nesikhwasilima anaso esithi simkhokelele kwisiwo sakhe( ingakukuthanda into ethile ngokugqithisileyo, ingazinkani abe nobuzwi lakhe njalo njalo ) Kusetyenziswa ulwimi olundiliskileyo kuba lufumbethe okanye lufukame okuyintlekele.
Le ncwadi uBUZANI KUBAWO yincwadi engesiko lokubonelwa komfana intombi amakayitshate, nokubonelwa kwentombi umfana emayendele kuye. Olu bonelo yimvisiswano ephakathi kwabazali bamakhaya amabini laa endiselanayo, ababonelwa ababandakanywa kuyilo nesicwangiso kodwa kulindeleke benze ngokwezigqibo zabazali mabakhaya omabini. Yile nto kuthiwa intombi yendiswe ngebhaxa(ngenkani kungathandiswa yona). Yinkqubo ke le ebifudula ilandelwa ntlandlolo kusithiwa LISIKO. Kuthe kwakufika inkcubeko yaseNtshona nemfundo kwabakho umsantsa ngoku phakathi kolutsha nabazali. Bakho abazali abahamba notshintsho lo gama abanye besabambelele kundalashe. Koku kungafuni ukutshintsha okudale impixano kule ncwadi.
Ulutsha lukholelwa ekubeni uthando luza kuqala emtshatweni lo gama kukho oontamo lukhuni kutshintsho abakholelwa kwisiko lokubonela. Imizekelo Langeni noMaNyawuza bendisa ngebhaxa uNomaMpondomise kuMcunukelwa, UMcothama noMaDongwe bendisa ngebhaxa uThobeka bemendisela kuGugulethu. UGugulethu unyanzelwa ukuba azeke uThobeka ngenkani. Bobathathu aba balinganiswa banyanzelwa ngabazali ngabantu abangabathandiyo. Ilapho ke ingxubakaxaka kule ncwadi. Kukho ukungaboni ngasonye kumba womtshato nesiko okuphakathi kolutsha nabazali.
IMPIXANO
Yintoni impixano?
Impixano sisihlahla sebali, ngaphandle kwayo ibali linganganiki mdla libe nomdintsi. Inika umdla ebalini kuba ufuna ukubona ukuba kuza kude kwenzeke ntoni kolu sunduzwano.
Lusunduzwano okanye ugxagxamiswano esinokulubona ngamehlo okanye siluve ngeendlebe apho kukho ukungaboni ngasonye ngeembono ngobandela othile phakathi komntu kunye nomnye umntu okanye phakathi kwamaqela amabini.
IINDIDI ZEMPIXANO
Impixano izindidi ezimbini ezizezi zilandelayo:
a) Impixano yangaphakathi
b) Impixano yangaphandle
IMPIXANO YANGAPHAKATHI
Impixano yangaphakathi kulapho umlinganiswa kukho ubuyaluyalu kuye engqondweni umphefumlo ungazolanga malunga nengcinga ethile emkrekretha umphefumlo. Kobo buyaluyalu busengqondweni kufuneka ethathe maxa wambi isigqibo esichaphazela ubomi bakhe. Le mpixano ke iquva iquve idubulele ngaphandle.
IIMPAWU ZOMLINGANISWA OKULE MEKO
- Uthanda ukuthetha yedwa maxa wambi malunga nale meko azifumana ekuyo ejikajikana nesigqibo afanele ukufikelela kuso ekungekho lula ukufikelela kuso.
- Uthanda ukuba likheswa maxa wambi ufike ehleli yedwa evuyavuywa bubuyaluyalu obusengqondweni.
Kule ncwadi bakho abalinganiswa abazifumana bekule meko abangaba umzekelo:
• UGugulethu ubonakala ephila kwilizwe lakhe, kumehlo wabanye abalinganiswa bambona ukuba uyaphambana, uyazula endlwini akakhathelelanga noZweni lo uzokumkhangela uthetha yedwa amazwi athi: BUZANI KUBAWO.
• Iyafumaneka kuNomaMpondomise le apho athi ekucingeni kwakhe ngesi sicelo sikaGugulethu ude wafikelela kwisigqibo sokusamkela kodwa kwenzeka into engaqhelekanga kuye yokusuka abe novalo.
IMPIXANO YANGAPHANDLE
Impixano iba phakathi kwamaqela amabini anezimvo ezingangqinelaniyo. Ukuba abantu baxabana bekwicala elinye asinokuyithatha njengempixano. Ukuze icace impixano kufuneka sijonge umxholo wencwadi. Iyathanda ukwenziwa impazamo yokuba ingxabano yabantu abacalanye itolikwe ngokuba yimpixano.
Lolu gxagxamiswano nokungaboni ngasonye ngombandela othile phakathi komntu kunye nomnye umntu okanye phakathi kwamaqela amabini azimvo zichaseneyo. Ngquzulwano olo esinokulubona ngamehlo okanye siluve ngeendlebe. Olu ngquzulwano maxa wambi lunokukhokelela ekuphathaneni eziqwini. Inokuba phakathi komntu nentlalo. Iyakwazi ukuba phakathi komntu nenkolo. Enye impixano yile ibaphakathi komzali nomntwana ngokuthi kungabonwa ngaso linye ngemiba ephathelele kumasiko nezithethe. Luxhaphakile olu didi lwempixano kwezi ncwadi zale mihla.
Impixano ekule incwadi yile iphakathi kolutsha nabazali ngokuthi bangavumelani ngemiba efana namasiko nezithethe.
Kolu didi lwempixano yangaphandle kubakho ukungavisisani kolutsha nabazali ngendlela ababona ngayo izinto ezifana namasiko, abantu abadala bathanda ukunyanzela abantwana ngezinto besithi balandela amasiko. Ulutsha kwelalo icala lukholelwa kumalungelo walo lujonge amaxesha ngelithi zizinto zakudala ezo amaxesha ngamanye ngoku. Uqala apho ke umbhodamo.
• Impixano yangaphandle kule ncwadi iphakathi kukaZwilakhe nonyana wakhe uGugulethu malunga nokubonelwa uThobeka Mcothama ukuba abe yinkosikazi kaGugulethu ngelithi elikaZwilakhe ulandela isiko. UThobeka apha yena ulixhoba lempixano singathi ungunobangela wolu ngquzulwano. Usesiphakathini salo mbhodamo.
• Intsusa mabandla kukunyanzeliswa kukaGugulethu ukuba atshate uThobeka angamthandiyo ekubeni yena efuna ukutshat uNomaMpondomise intombi ayithandayo. UZwilakhe ubetha ngenqindi etafileni esithi kuza kwenzeka into efunwa nguye akazukuzala umntwana akugqiba eve ngomntwana. Uthi lo mkhuba wokubonela unyana intombi lisiko. Bazamile ukumbonisa ngobungozi besi sigqibo abaninawe bakhe, Zweni, Mthetho, Nyaniso kodwa akafuna nokuva ngelithi akazukophula isiko yena wanyanzelisa.
• UGugulethu uyahambisana nokuba azeke kodwa ucela ukunikwa ithuba nguyise lokuzikhethela intombi, uyise wala ngelithi uzazelaphi uGugulethu iimpawu zobufazi, atsho esithi uThobeka ukhuthele, unembeko, unesidima, undilisekile, ufanelwe bubufazi.
Zezi mpawu ke ezi zimbangele ukuba uThobeka azibone ekumbindi wempixano phakathi kukaZwilakhe noGugulethu. UGugulethu uthi anganazo zonke ezi mpawu zibalwa nguyise kodwa eyona nto ingundoqo LUTHANDO.
UZwilakhe akafuni ukuba uGugulethu aveze ezakhe izimvo malunga nalo mbandela wokuzeka. UGugulethu akamfuni uThobeka nempawu ezo kucaca ukuba zikholise uyise, mve xa esithi,
“ Ndithe andiyifuni nje laa ntombi andiyifuni, ndaye andisayi kuze
ndiphinde ndithi ndiyayifuna”.
UGugulethu enomqolo nje kwicala lakhe unikwe amandla nakukwamkelwa kwesicelo sakhe sothando nomtshato abathembisene ngawo noNomaMpondomise intombi ayithandayo. Oku kubonisa ukuba UGugulethu akazange ayicinge nokuyicinga into yokuba angaze abonelwe intombi ngabazali. Yiyo le nto yena eleqele ukuba ufike uMgqibelo wentlanganiso yamaHlubi malunga nombandela wokuzeka kwakhe abe sele evumelene noNomaMpondiomise ukuze xa ebuzwa ngentombi athi unayo kwaye sebevumelene. Kanti ucwangcisa nje izigqibo azizukuhamba ngokokjucwangcisa kwakhe. Uyasazi isiphoxo azakuba usenzile kuNomaMpondomise ngokutshat uThobeka, amazwi eleta kaNomaMpondomise xa wayesamkela isicelo sikaGugulethu sothando nomtshato asankenteza kuGugulethu. Kwimeko yongquzulwano oluphakathi kukaGugulethu noZwilakhe, uGugulethu uqhankqalaze ngokuthi yonke into ebuzwa ngomtshato athi, “Buzani kubawo”. Apha ubonisa ukunyhashwa kwamalungelo wakhe kaloku ngumntwana wala maxesha enkululeko namalungelo lo.
Uthi uThobeka kunina uMaDongwe ngubhuti aqhele ukumbona engazange wathetha naye ngezinto zothando utsho ethetha nonina uMaDongwe. Naye ke uThobeka utshatiswa ngenkani kuba kuleyo yokuba asimntu amqhelileyo uGugulethu abazali bona bavumelene ukuba uza kutshatela kuGugulethu. Ithi impendulo yabazali ebengazode amqhele ukuze atshatele kuye. Uyaqhankqalaza nothobeka ukutshatela kuGugulethu kodwa lithi elabazali uyaya kwaZwilakhe. Uyagoba uthobeka ethobela abazali ekwenza oko kuchasene neminqweno yakhe, amshiye kodwa unina uMaDongwe esithi bazilumkele izinto abazenzayo.
UGugulethu ubonakalisa ukuba nomqolo nokuba ngufunga angajiki, noyise kwelakhe icala umile ukuba uza kutshata intombi kaMcothama. Bavumelene abazali bamakhaya omabini. Ngomhla womtshato uGugulethu akafuni kutyikitya uzibopha isandla. Yonke imibuzo ebuzwa ngumfundisi impendulo kaGugulethu ithi, “Buzani kubawo”. Uyise uyatyikitya egameni likaGugulethu.
UGugulethu utyeshela ikhaya lakhe ayokuhlala eMthatha kuba engafuni uThobeka. Emva kwexesha engabuyi uGugulethu, uZwilakhe ubona isisisombululo ukuthumeka uThobeka nabantwana abathathu abangengobakaGugulethu. Imibuzo kaGugulethu kuThobeka ayibonisi lusini, uthi bafunani, ngabakabani aba bantwana? UThobeka ifike kuye into yokuba bayayibona na abazali into abamfaka kuyo namhlanje ubuzwa imibuzo angakwaziyo ukuyiphendula. UGugulethu akabonisi kubamkela kwaphela ubashiya apho belambile aye ecinema, bahoywe nguBaleni. UThobeka ugxeka abazali bakhe ngemeko azifumana ekuyo nangokunganikwa ithuba lokuveza ezakhe izimvo ngalo mtshato kuba wayezamile ukuwuchasa kunina uMaDongwe.
Ukuthobeka kukaThobeka ethobele abazali bakhe kwisigqibo sabo kumkhokelele ekufeni kwakhe esifa kabuhlungu ngokuxatyelwa ngezembe nabantwana bakhe abathathu. Uyafa uThobeka efela into engayaziyo kuba elixhoba longquzulwano olukhoyo phakathi kukaZwilakhe noGugulethu.
UGugulethu uyagwetywa egwetyelwa ukubulala uThobeka nabantwana abathathu. Ugwetywa ukujinga ade afe uGugulethu. Unina uMaGaba umphembeleli akakwazi ukumelana nembiza ayiphekayo wayibasela yempixano ngoku akakwazi ukumelana neziphumo zayo naye uzityisa ityhefu uyafa, ushiya isityhifili sesiyatha sendoda sodwa sisala sizikhotha amanxeba okwenja. UZwilakhe uyazisola ecela uxolo ngokungabamameli abantakwabo xa babemcebisa, ucela ukuba kuxhonywe yena endaweni kaGugulethu ngelithi konke okwenzekileyo nguye unobangela. Uyaxhonywa uGugulethu exhonyelwa izenzo zakhe.
Qhagamshelana sitstalele ku 0860002672, ku WhatsApp 041 391 1221 ushicelele ivoice note engange 30 seconds.