CPUT XHOSA Student Society

CPUT XHOSA Student Society

Share

Embracing and promoting Xhosa traditions, language and customs.

18/03/2026

Magqab’omthi ka Qamata kuni bantwana bomgquba. Esisizwe sakwa Xhosa siyanimema kwi Mbadu yethu yokqala kunyaka ka 2026. Yizani sizokombela ,sixhentseni sichubelane ngesiXhosa sethu Chosi📿❤️

12/03/2026

Molweni mawethu ngethemba niyaphila, niyamenywa kwintlanganiso ezakube ise Mowbray Campus ngomso emvakwemini. Siyacela ukuba niphumelele ngobuninzi benu nizokuthatha inxaxheba. Sovuyiswa bubukho benu.

Enkosi ❤️

11/03/2026

Mandinibulise nonke ngethemba lokuba niyaphila. Nasi isaziso sentlanganiso esizakube sinayo ngomso emvakwemini ngentsimbi ngeSine 16:00pm e D6 Campus. Siyacela sinibongoza ukuba niphumelele ngobuninzi benu nizokuthatha inkxaxheba, ubukho benu bubalulekile❤️

Enkosi.

03/03/2026

Mandinibulise nonke ngethemba lokuba niyaphila, ngomso kuzakube kukho i recruitment drive e D6 Campus ngo 9am.

Sicela umfundi ngamnye aphathe I proof of registration kunye ne R10.

Sisicelele uxolo isaziso esifike emva kwexesha.

Enkosi

17/02/2026

Bhotani mzontsundu ngethemba nonke niyaphila.

Oku kukunazisa malunga ne Recruitment drive esizakube sinayo eyakube ingomhla we 19 February 2026 Bellville Campus ngentsimbi yethoba ( 09:00am) kusasa. Nceda uqaphele ukuba kukho imali engage R10 ehlawulwa kwiSakhiwo Solawulo ( Administration building) uze uphathe irisithi yentlawulo(payment slip) kunye nobungqina bobhaliso ( proof of registration) ukuze ukwazi ukutyikitya iimphepha zokuba lilungu lalendibano.

Enkosi.

Want your school to be the top-listed School/college in Cape Town?

Click here to claim your Sponsored Listing.

Location

Telephone

Address


CPUT Bellville Campus Technology Way Food Science & Technology Building, Bellville South Industrial
Cape Town
7530