13/05/2026
Izolo bendiyothenga etym eshop ndafika kukhona Umama esele ethenga uthenga suop pack nezinye izinto ke, kukhona umfana Ohamba ngemoto kamama wakhe nomnye ebethenga ugwayi Athi lomfana ahambe ngemoto athi kukhona umntu osatya isoup pack madoda ngoku? aphendule lobethenga gwayi Athi ewe. Athi Ohamba ngemoto ngeke ndibesayitya mna soup pack . Athule lo athenga ugwayi awulayite abheme ndibe ndifaka atym athenge lowemoto angene emotwn ndibone lomfana abhemayo kusehla inyembezi.ndibuze Haibo ndoda logwayi uyakulilsa Athi hayi bhuti ndicinga lomfana athetha kanje kuba nam ndandihamba ngemoto kamama ndingawubhemi ugwayi wetshumi ndibhema owe R4 ndingatyi isoup pack nam Umama athi mandiye esikolweni ndifunde ndize ukuzimela Kant Umama uyazi uba yonke lento anayo uthixo uzoyitha uyahamba emhlabeni ngoku ndicela amatshumi kwababantu ndandiba khwetsha ngothuli. (Ndithi kulomfo unomona mfo kuba lomfana enikwa Moto kokwabo ngothetha Kant ? ) Athi hayi bhuti ndiva intlungu kuba lomama umvile wangaphenduli wathula tu. Ndithi ndibonile nam uba uye wambheka wathula nyani nam ndimbonile
Ndiseza no P2
Luthini olwenu uluvo ntozakuthi?