02/07/2023
Insert 9
Alime♥️
Uthe uThando akube endixelele ngomhlobo wakhe oligintsi khange ndilale kakuhle oko ndigushugushuza ndicinga xa enokuyazi bethuna umfazi wakhe angathini? Khona ngomphi lomhlobo wakhe amxelayo ? Ingaba ngulowa wayesixelela ngoThando awayesisibhedlela? Hay andikholwa ukuba nguye ayimfanelanga noko yena lonto uThando xa iyintoni khona yena emvanisa namagintsa kanti? Khona xa wayedutyulwe ngubani? Ndilelele kwezongcinga zam zingena mpendulo ndizokothuka ekuseni uThando esalele ndivuke ndavasa ndanxiba amajerumen am ndayokumisa imbiza zakusasa ekhitshini ndithendisapheka kwaqhamnka umakaThando ebonakala nje ukuba uyavuka
MakaT :malo.Alime mntanam unjani😁(entsho ngoncumo olunqandwa zindlebe)
Alime: Ndiyaphila mama kuhle kunjani kuwe
MakaT: Njongokuba undibona sanalwam ndingumqaba qaba igqbi levinika😂
Alime: ndiyakubo utheni wena wonke wavuka wonwabe kangaka
MakaT: ndizoku thini ukungonwabi nam ndizifumanele owam umaqondana njeee
Alime: Hayy boooo! Uthini na ngok mama heee hay izinto zimanukwenzeka 😂😂 uzakuthini kengok yena uTakaThando xa enokuva lonto😂😂😂
MakaT: ndimkhathalele kuqala futhi masiyiyeke le topic uphi uThando?
Alime: usalele
MakaT : ok hay khawenze uphake ndilambile mna
Alime :sendizo phaka mama sekusele kancane njeee
Ndilungise itafile ndayokujonga uThando ndifike ezidlalela ngonomyayi wakhe ndizame ukumcedisa uvula wayokuhlamba ndambuyesela ebhedini kuba esithi uzakutyela eroom(ini) ndayokuphaka ndahambisa ukutya ndathatha okwam nam ndayokuhlala noThando satya phofu akho uthetha nomnye kukhala icephe nesitya qha sithe sakugqiba ndaqokelela izitya ndayokuzihlamba ndselisa Thando ipilisi ndaqoqosha endlini ndayokungqengqe ecaleni koThando ndimve ethinta umqala ndajika ndamjonga
Thando: Alime uyayazi uba ndiyakuthanda mors ne?
Alime: yhaaa ndiyayazi lonto & nam ndihakuthanda
Thando: ndicela ungaze undishiye nokuba sesixabene kangakanani mna nawe ndicela undithembise ntwenye soze wandishiya & soze wandiyekela